Umkhosi ka Kristu

07
Mar

1. Yizani zintokazi,
Ngenani edabini,
Senoyiselwe kade,
NguLowo owafayo,

2. Nokuba sekumnyama,
Njengethunzi lokufa,
Nihamba noKristu nje
Kokhanya nakoyisa

3. Xa ikrele lomlingi,
Lihlab’intliziyo,
Utshaba luzingile,
NgoKristu nakoyisa,

4. Senambethe mhlophe nje,
Seningumfuziselo,
Bonke aboyisayo,
Bombeswa ezimhlophe

5. Mabavel’eDebora,
NoRute bakaloku,
Amaqobokazana,
Agcina amadinga

6. Hambani ke bafazi
Phangan’amazibuko,
Ngelizwi likaThixo,
Ophel’amandl’esono. Amen.

Leave a Comment